Wazi amalungelo akho e-UIF kwanezibophelelo zayo
Yintoni iNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli?
INgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli isekwe ngenjongo yokunika abasebenzi uncedo lwemali lwexeshana, oluxhomekeke kwiimeko ezithile, xa bethe baphelelwa ngumsebenzi okanye abakwazi ukusebenza ngenxa yokugula, ngenxa yekhefu lokuya kubeleka okanye xa umntu ekwinkqubo yokwenza umntwana ongengowakhe ukuba abe ngowakhe ngokwasemthethweni, futhi kwenzelwa nabo bebesondliwa ngulo msebenzi oberhuma , oko kutsho obenegalelo kule ngxowa-mali.
Ifunyanwa njani imali ukuze iNgxowa-mali isebenze kwaye ihlawule uncedo lwemali?
INgxowa-mali iyifumana imali kwimirhumo efakwa rhoqo ngenyanga ngabaqeshi nabasebenzi. Urhulumente ngummeli wale Ngxowa-mali kwaye ulindeleke ukuba anike uncedo kwicala lezemali ukuze ahlangabezane neentswelo ezibakho ngamaxesha apho abantu abangaphangeliyo bebaninzi.
Ingaba bonke abasebenzi kufuneka barhume na kwiNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli?
Ukususela ngomhla woku-1 ku-Epreli 2002 bonke abasebenzi abaphangela iiyure ezingama-24 nangaphezulu ngenyanga kufuneka barhume kwiNgxowa-mali.
Ukususela ngomhla woku-1 ku-Epreli 2003, iNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli ifuna abasebenzi abasebenza emakhaya nabaqeshi babo barhume kwiNgxowa-mali.
Ezi zintlu zilandelayo zabasebenzi zikhutshelwa ngaphandle ekurhumeni kwiNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli:
Abasebenzi abasebenza ngaphantsi kweeyure ezingama-24 ngenyanga
Abasebenzi boLuntu njengoko bechaziwe phantsi kweCandelo 1 loMthetho weNkonzo yoLuntu , 1994
Abasebenzi abafumana iPenshini yeNtlalo ephuma kuRhulumente (ipenshini yobudala), kodwa asibalwa isibonelelo sokukhubazeka okanye isondlo
Umsebenzi ongena kwisivumelwano sengqesho ngenjongo nje yokungena kwisivumelwano sokuba ngumfundi njengoko sicamngcwe kwicandelo 18 loMthetho woPhuliso lweZakhono wowe-1998
Abantu abangena kwiRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika ngenjongo yokuqhuba iSivumelwano seNkonzo, isivumelwano sokufundela umsebenzi othile kwiRiphabhlikhi, ukuba emva kokugqiba loo nto umqeshi unyanzelwa ngumthetho okanye siSivumelwano seNkonzo ,isivumelwano sokufundela umsebenzi othile okanye siso nasiphi na esinye isivumelwano okanye isithembiso ukubuyisela elizweni lakhe umntu lowo okanye loo mntu kufuneka eyishiyile iRiphabhlikhi nomqeshi wakhe
Abasebenzi abafumana umvuzo osekwe kwikhomishini kuphela
Ingaba kufuneka urhume kwiNgxowa-mali ukuba wamkela umvuzo ophezulu?
Ewe, bonke abasebenzi, ngaphandle kwabo baxelwe phantsi kwenqaku 3.3 ngasentla kufuneka barhume kwiNgxxowa-mali. INgxowa-mali ngonyaka ibeka amanqanaba okwamkela kwabasebenzi. Bonke abasebenzi abamkela ngaphezulu kwelona nqanaba liphezulu baya kurhuma beme kwinqanaba eliphezulu elibekiweyo ukuze xa bengaphangeli bafumane uncedo lwemali ngokomliganiselo wengeniso yabo. Oku kuthetha ukuba wonke umsebenzi ukususela kwinqanaba elisezantsi kuye kumlawuli wenkampani kufuneka arhume kwiNgxowa-mali.
Ingaba bonke abaqeshi kufuneka barhume kwiNgxowa-mali?
Bonke abaqeshi abaqesha nawuphi na umntu ukuze kwakhona bamnike umvuzo oyimali esesandleni (ikheshi) okanye ololo hlobo kufuneka babhalise kwiNgxowa-mali kwangoko bakuqalisa imisetyenzana njengomqeshi. Luxanduva lomqeshi ukubhalisa ishishini aze atsale imali leyo kwimivuzo yabasebenzi. Ukuba umqeshi akakwenzi oko, kukho izohlwayo eziqatha eziya kusetyenziswa ngokwemigqaliselo yoMthetho weNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli, 2002. Ukuba umqeshi uyala ukubhalisa kwiNgxowa-mali kwaye akafuni kutsala mali, abasebenzi bayacetyiswa ukuba baye kwi-ofisi ekufutshane yeSebe lezemiSebenzi.
Abaqeshi bayacelwa ukuba bathobele amagatya oMthetho, njengoko iNgxowa-mali inika uncedo kubantu bayo ebebekade bengabasebenzi abashiyekelwe yimali engephi okanye abangenandlela yakuzixhasa ngenxa yokuba bephelelwe ngumsebenzi.
Yintoni ethathwa njengomvuzo?
Zonke iimali ezifunyanwa kumqeshi, nokuba yimali eyikheshi okanye yimali efunyanwa ngohlobo oluthile. Oku kuquka iintlawulo zokusebenza ugqithise kwixesha elimisiweyo neebhonasi kwaye imirhumo kufuneka isekwe kwezi ntlawulo. Ukongeza, zonke izibonelelo ezifunyanwayo zithathwa njengomvuzo. Imizekelo yezibonelelo zizibonelelo zokuhamba, izibonelelo zokonwabisa kunye nezibonelelo zokutya nezendawo yokuhlala. Olunye ulwazi ngemivuzo lungafumaneka kwizikhokelo ezilungiselelwe abaqeshi kwi-EMP10 ezifumaneka kwa-SARS.
Yimalini ekufuneka ifakwe kwiNgxowa-mali?
Umsebenzi kufuneka enze igalelo le-1% lomvuzo wenyanga. Ukongeza kule 1% ihlawulwa ngumsebenzi, umqeshi ufakela umsebenzi ngamnye amqeshileyo i-1% . Igalelo lilonke elihlawulwayo yi-2%.Umzekelo, ukuba umsebenzi wamkela I-R1000 ngenyanga, umqeshi kufuneka atsale i-1% ye-R1000 eli-R10. Ukongeza, kufuneka umqeshi ahlawulele umsebenzi wakhe ngamnye amqeshileyo i-R10. Imali iyonke engama-R20 kufuneka idluliselwe kwi-UIF okanye kwaSARS.
Kufuneka kutsalwe imirhumo yenyanga leyo sikuyo kuphela kwaye umqeshi akavumelekanga ukuba atsale umrhumo ongaphezulu kowenyanga. Ukuba umqeshi kwixesha elidlulileyo uthe akayitsala imirhumo yenyanga, ngoko ke umqeshi unetyala le-2% lemirhumo kwaye umsebenzi akamele kukhupha mrhumo.
Uwuhlawula nini kwaye njani umqeshi lo mrhumo kwiNgxowa-mali?
Umqeshi uyihlawula le mirhumo kwiNgxowa-mali phambi kosuku lwesixhenxe rhoqo ngenyanga. Apho usuku lwesixhenxe "ingelosuku lomsebenzi", iintlawulo mazenziwe ngosuku lokugqibela lokusebenza okanye phambi kosuku lwesixhenxe. "Usuku lomsebenzi" luthetha naluphi usuku olungengoMgqibelo, iCawe okanye usuku lweHolide kaWonke-wonke. Ngeenjongo zokuhlawula imirhumo, abo baqeshi babhalisele irhafu ne/ okanye iRhafu yoPhuhliso lweZakhono kufuneka bahlawule imirhumo yabo kwaSARS. Abaqeshi abaseleyo mabahlawule ngqo imirhumo yabo kwiNgxowa-mali. Kukho iindlela ezahlukeneyo zokudlulisela le mirhumo kwiNgxowa-mali. Isenokutsalwa ngqo ebhankini (debit order) (apha ke umqeshi angenza izicwangciso nebhanki yakhe), inokufakwa ngqo ebhankini, (jonga iinkcukacha zebhanki yeNgxowa-mali ekupheleni kwale browutsha), ungayifaka ngelektroni usebenzisa ubhankisho lwe-intanethi. Jonga kwiidilesi ezisekupheleni kwale bhrowutsha.
Imirhumo yonyaka
Abaqeshi bangahlawula imirhumo yonke yonyaka ukuba eso sixa-mali basihlawula ngaphambili.
Imirhumo yonke ekufuneka ihlawulwe kufuneka ihlawulwe ngokwemida yonyaka-mali okanye ngethuba lohlawulo lwerhafu. "Unyaka-mali" okanye "ithuba lohlawulo lwetyala" kuxelwa ithuba eliqala ngosuku lokuqala lukaMatshi nakowuphi na unyaka, okanye ukususela ngosuku lokuqala lwetyala ukuba olo suku lungena kunyaka-mali lowo kwaye luphela ngosuku lokugqibela lukaFebhruwari kunyaka olandelayo. Umqeshi makangayitsali imali yemirhumo yonke ekufuneka ihlawulwe "ngaphambili". Ukutsalwa kwemali makungqamane namaxesha entlawulo yomvuzo. Ukuba umqeshi ufumanisa ukuba intlawulo eyenziweyo ibingafuneki ngelo xesha okanye ingaphezulu kwimali emele ukuhlawulwa, umqeshi kufuneka ambuyisele umsebenzi nokuba eso sixa-mali akakasinikwa umqeshi yiNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli. Imali ekufuneka ibuyisiwe kufuneka ibizwe kwiNgxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli ngonyaka kwaye emva kokuphela konyaka-mali lowo kubizwe iintlawulo zonyaka.
Kwimeko apho kuye kwanyuswa umvuzo, kufuneka ilungiswe ngokukhawuleza imali yengxowa-mali ihambelane nokunyuka komvuzo kwaye nawuphi na umahluko phakathi kwesixa-mali esifunekayo neso sesihlawulwe, kufuneka ulungiswe.
Iifomu ezibizwa UI-7 bayazinikwa abaqeshi rhoqo ngenyanga ngaphandle kokuba:
ubhaliso lucinyiwe ubhaliso lubonisa ukuba kuhlawulwa ngonyaka ubhaliso lubonisa ukuba kuhlawulwa kwaSARS.
Ukuba abaqeshi bafumana ifomu yerhafu yakwaSARS (EMP201), loo nto ithetha ukuba kufuneka bengenise imirhumo yabo ye-UIF kwaSARS ukususela ku-Epreli 2002 ukuya phambili. Phofu ke, ukuba bafumana iifomu UI-7 loo nto ibonisa ukuba ii-akhawunti zabo kunye neNgxowa-mali azikalungiswa zibonise ukuba imirhumo yabo ye-UIF bayihlawula kwaSARS. INgxowa-mali kwiimeko ezinje kufuneka icetyiswe ngenombolo yokwalathisa emivo ili-10 ye-PAYE ngokubhekiselele kwishishini elo ukuze kube nokwenziwa ezo zinto kufuneka zitshintshiwe ukuze kungaphinde kukhutshwe i-UI-7 kwixa elizayo.
Abaqeshi mabaqinisekise ukuba imirhumo ye-UIF ixeliwe kwi-EMP201 kwaye iintlawulo zigqithiselwa kwaSARS. Ingxowa-mali ayisayi kwamkela uxanduva okanye ibe nonxibelelwano noSARS okanye nabaqeshi xa kukho izohlwayo okanye xa kunyuswe inzala ukuba iintlawulo zingeniswe kwiNgxowa-mali endaweni yokungeniswa kwaSARS.
Ukunqanda ukuba kungabikho zohlwayo nanzala, abaqeshi mabaqinisekise ukuba iintlawulo zifika kwiNgxowa-mali ngexesha elimisiweyo, nokuba ifomu UI-7 ifunyenwe okanye ayifunyanwanga. Abaqeshi kufuneka baqhangamshelane neNgxowa-mali ukuba abazifumani rhoqo okanye bayazifumana iifomu UI-7.
Bonke abaqeshi ekungafuneki bahlawule imirhumo kwaSARS kufuneka bazalise kwaye babuyise i-UI-7 fomu nokuba bahlawula njani , kangaphi okanye kweyiphi na indawo. Xa ingekho ifomu, abaqeshi kufuneka banike olu lwazi lusisiseko ukunqanda ukuba imirhumo efunyenweyo ingeniswe kwindawo engeyiyo okanye ingangeni konke:
Indawo nendlela okuhlawulwa ngayo
Ixesha olihlawulelwayo nesixa esihlawulweyo
Luxanduva lwabaqeshi ukubala isixa ekufuneka sihlawulwe kwiNgxowa-mali. Iifomu ezixela imirhumo ehlawuliweyo azisayi kunikwa abaqeshi.
INgxowa-mali yazi njani ukuba imirhumo ivela koobani?
INgxowa-mali iseke uvimba weenkcukacha (database) zomqeshi/nomsebenzi apho iinkcukacha zengqesho zigcinwa khona. Luxanduva lomqeshi ukuthumela iinkcukacha zabasebenzi bakhe kwiNgxowa-mali ukuhlaziya uvimba weenkcukacha rhoqo ngenyanga okanye xa kukho inguqu kwiinkcukacha zomsebenzi. Iinkcukacha zabasebenzi zigcinwa kuvimba weenkcukacha ukuze xa umntu engasebenzi, iNgxowa-mali ikwazi ukusisebenza isicelo ngaphandle kokuchitha ixesha. Yiyo loo nto ke kubalulekile ukuba abaqeshi bathumele iinkcukacha zabasebenzi kwiNgxowa-mali ukuze kuhlaziywe uvimba weenkcukacha.
Ingxowa-mali iinendlela ezahlukeneyo ezinokusetyenziswa ngabaqeshi ukuthumela iinkcukacha kwiNgxowa-mali. Ezi ndlela ziquka nokuthumela iinkcukacha ngesandla (UI-19) kwiNgxowa-mali apho abaqeshi bangenazo iinkqubo ze-elektroni zoluhlu lwamagama abahlawulwa. I-UI-19 yifomu emayisetyenziswe ngabaqeshi ukungenisa iinkcukacha zabasebenzi babo kuvimba weenkcukacha weNgxowa-mali. Le fomu iyafumaneka kwiwebhsayithi nakwii-ofisi zamaphondo nakumaziko esemisebenzi eSebe lezemiSebenzi. Abaqeshi bezorhwebo abaneenkqubo ze-elektroni zoluhlu lwamagama abahlawulwa bangazithumela iinkcukacha ngefomathi exeliweyo apha declarations@uif.gov.za. Ukuze ufumane iinkcukacha zale fomathi nceda yiya kuxwebhu olunenkcazelo kwiwebhsayithi kwimenyu Employers Info - Declaration Specification. Abaqeshi babasebenzi basemakhaya kufuneka bazalise ifomu UI-19 yabasebenzi basemakhaya baze bazithumele nge-imeyile ethi domestics@uif.gov.za
Ingaba bonke abaqeshi kufuneka bangenise iingxelo zokwazisa zenyanga?
Ewe kufuneka abaqeshi benze njalo, kuqukwa nabo kufuneka behlawule imirhumo yabo edlula kwaSARS. Bonke abaqeshi kufuneka bazazise naziphi na izinto ezitshintshileyo kwiinkcukacha zabasebenzi babo ngokukhawuleza zakubakho izinto ezitshintshileyo. Ukuba izinto zitshintsha rhoqo ngenyanga, ngoko ke iingxelo zokwazisa mazingeniswe rhoqo ngenyanga.
Ingaba kufuneka abasebenzi abahlawula ngonyaka bangenise iingxelo zokwazisa?
Ewe, kanye ngonyaka okanye xa ziye zakho izinto ezitshintshileyo kwiinkcukacha zabasebenzi.
INgxowa-mali iya kuyazi njani into yokuba ikuhlawulwa malini xa ungaphangeli?
Umlinganiselo wokuhlawula uncedo uhamba ngesikali esiphakathi kwama-38-58%
Abasebenzi banikwa amanqaku ayinzuzo njengoko berhuma kwiNgxowa-mali. Amanqaku azuzwa ngolu hlobo lulandelayo: Ngeentsuku ezintandathu ozisebenzileyo njengomrhumi, ufumana inqaku losuku , manqaku lawo angaya kuma kwiintsuku ezingama-238. Ukuze ufumane iintsuku zamanqaku angama-238, kufuneka ukuba ubungumrhumi iminyaka emine.
Umsebenzi uthathwa njengomntu oye warhuma kwiNgxowa-mali ukususela ngosuku lokuqala lengqesho kude kuye kuloo mini wayeka ngayo emsebenzini. Ithuba lokwazisa phambi kokuyeka ukusebenza, nalo lithathwa njengexesha lengqesho. Phofu ke, kufuneka kwaziwe ukuba kwimeko yabasebenzi basekhaya, bona bathathwa njengabarhumi ukususela ngomhla woku-1 ku-Epreli 2003.
UMthetho we-Inshorensiyokungaphangeli onezilungiso, 2003 ukwajongene nemeko apho abasebenzi basekhaya bengenamqeshi omnye, kwaye ke ungenisa nomba wokungangaphangeli nokupheleleyo kwabo basebenzi baqeshwe ngabantu abaninzi.
UMthetho uthi uncedo maluhlawulwe xa ingeniso yomsebenzi ingaphantsi kwenqanaba elinikiweyo kwimali ewayeyamkela ngexesha esebenza kuwo onke la makhaya, umzekelo, umsebenzi wasekhaya osebenzela amakhaya amathathu ongeniso yakhe ingama-R600 ukuze ke ngoku alahlekelwe likhaya lama-R200 ukufanele ukufumana uncedo kuba kaloku ngoku wamkela ama-R400, njengoko engasayifumani ingeniso yama-R200.
Kuya kuqwalaselwa kuphela ukulahlekelwa ngumsebenzi kwiinyanga ezintandathu zokugqibela ukususela ngomhla ophambi kokwenza isicelo xa kumiselwa into yokuba ingaba lo msebenzi akaphangeli ngokupheleleyo na okanye hayi. Kwakhona kubasebenzi basekhaya umhla wokubhubha komqeshi uya kuthathwa njengomhla wokuphelelwa ngumsebenzi. Isixa-mali soncedo esihlawulwayo siya kumiselwa yingxelo yokwazisa engeniswe ngumqeshi kwaye xa ingekho, igosa lobango liya kumisela ngokwalo uncedo olusekwe kumaxwebhu abubungqina angeniswe kwigosa lobango.
Kwenzeka ntoni xa umvuzo utshintsha-tshintsha?
Ukuba umvuzo uyatshintsha-tshintsha ngenyanga okanye ngeveki ngoko ke kufuneka kusetyenziswe umvuzo weenyanga ezintandathu ezidlulileyo ukubala inzuzo emayihlawulwe.
Zeziphi iintlobo zoncedo ezifunyanwa kwiNgxowa-mali?
Ingxowa-mali inika iintlobo ezintlanu zoncedo:
Uncedo lokungaphangeli ( Icandelo 17)
Uncedo lokugula ( Icandelo 22)
Uncedo lokuya kubeleka (Icandelo 25)
Uncedo lokwenza umntwana ongengowakho abe ngowakho ngokwasemthethweni (Icandelo 28)
Uncedo lwabondliwayo/ lwabaxhomekekileyo (Olokubhubha) (Icandelo 31).
Uncedo lokungaphangeli
Isicelo sokufuna uncedo kufuneka senziwe kwithuba leenyanga ezintandathu emva kokuyeka umsebenzi
Uncedo luhlawulwa ukususela ngalo mhla wokwenza isicelo
Uncedo luhlawulwa kuphela xa ukudinga umsebenzi kudlula kwiintsuku ezili-14
Uncedo luhlawulwa kuphela xa umqeshi eziphelisa iinkonzo zomrhumi. Ukuba umsebenzi uyaziyekela/ okanye uyaqhwesha , akukho ncedo luhlawulwayo, ngaphandle kokuba oko kuphelelwa ngumsebenzi kungachazwa njengokusemthethweni.
Uncedo luyahlawulwa ukuba umqeshi womsebenzi wasekhaya uyabhubha
Uncedo luyahlawulwa ukuba inkampani itshonile
Umrhumi kufuneka abhalise kwiziko lezemisebenzi elikufuphi kuye njengomntu ofuna umsebenzi ngokwemigqaliselo yoMthetho woPhuhliso lweZakhono, 1998, ukuze afumane uncedo lokungabinamsebenzi
Umrhumi kufuneka aye kuzazisa ngamaxesha athile nakwiindawo ezimiselwa ligosa lobango ukuze asayine irejista yokudinga umsebenzi
Umrhumi kufuneka azuze uqeqesho nengcebiso ngobuchule bokusebenza ukuba uyalelwe njalo ligosa lobango. Ukuba umrhumi uyala ukufumana uqeqesho ngaphandle kwesizathu , lo mrhumi akasayi kubanelungelo loncedo lwemali.
Ngokuxhomekeka kumanqaku ayinzuzo uncedo lwemali lungahlawulwa kuye kuma kwiintsuku ezingama-238 nangeliphi ixesha leminyaka emine.
Uncedo lokugula
Isicelo soncedo kufuneka senziwe kwithuba leenyanga ezintandathu akuba umsebenzi eyeke ukusebenza ngenxa yokuba egula
Uncedo luhlawulwa ukususela ngomhla umsebenzi ayeke ngawo ukusebenza ngenxa yokuba egula
Kufuneka kungeniswe isatifiketi sikagqirha esixhasa into yokuba umsebenzi uyeke ngenxa yokuba egula
Uncedo lwemali oluhlawulwayo ngumahluko phakathi kwemali ehlawulwa ngumqeshi nomlinganiselo omiselelweyo kwishedyuli yoncedo ekuMthetho we-Inshorensi yokungaphangeli. Xa uthatha isixa-mali esihlawulwa umqeshi nesixa-mali esimiselwe kwishedyuli yoncedo, isixa-mali sisonke akufunekanga sidlule kwi-100% somvuzo umntu obeza kuwufumana xa ebesaqeshiwe
Uncedo luhlawulwa kuphela xa umntu egule ngaphezulu kweentsuku ezili-14
Ngokuxhomekeka kumanqaku ayinzuzo uncedo lwemali lungahlawulwa kuye kuma kwiintsuku ezingama-238 nangeliphi ixesha leminyaka emine
Uncedo lokuya kubeleka
Isicelo soncedo lokuya kubeleka kufuneka senziwe ebuncinaneni kwiiveki ezisibhozo phambi kokubeleka okanye kwithuba leenyanga ezintandathu emva kokuzalwa komntwana
Uncedo lunikwa umrhumi wasetyhini ngexesha lokukhulelwa, lokuzala okanye emva koko
Uncedo lwemali oluhlawulwayo ngumahluko phakathi kwemali ehlawulwa ngumqeshi nomlinganiselo omiselweyo kwishedyuli yoncedo ekuMthetho we-Inshorensi yokungaphangeli. Xa uthatha isixa-mali esihlawulwa umqeshi nesixa-mali esimiselwe kwishedyuli yoncedo, isixa-mali sisonke akufunekanga sidlule kwi-100% somvuzo umntu obeza kuwufumana xa ebesaqeshiwe
Ngokuxhomekeka kumanqaku ayinzuzo, uncedo lungahlawulwa kuye kuma kwiintsuku ezili-121. Isicelo soncedo lokuya kubeleka, asilichaphazeli konke ilungelo lomrhumi kuncedo lokungaphangeli. Loo nto ithetha ukuba umsebenzi unalo ilungelo lokufumana uncedo lokungaphangeli ukuba umsebenzi kunokwenzeka angaphangeli
Ukuba umsebenzi uphume isisu okanye uzele umntwana ongasekhoyo, uncedo luhlawulwa kumiwe kwiiveki ezintandathu emva kwesi sehlo sokuphuma isisu okanye sokuzala umntwana ongasekhoyo
Uncedo lokwenza umntwana ongengowakho abe ngowakho ngokwasemthethweni
Isicelo soncedo kufuneka senziwe kwithuba leenyanga ezintandathu emva komhla wokukhutshwa yiNkundla komyalelo wokwenza umntwana ongengowakho abe ngowakho ngokwasemthethweni
Umntwana lowo umenza owakho kufuneka abe ngaphantsi kweminyaka emibini
Mnye umrhumi kwaba bazali abenza umntwana abe ngowabo ngokwasemthethweni onokufaka isicelo soncedo
Umntwana kufuneka umenze owakho ngokwemigqaliselo yoMthetho woGcino loMntwana, 1983
Ixesha ongasebenzi ngalo kufuneka ulichithe ugcina umntwana
Uncedo luhlawulwa ukususela laa mhla iNkundla yanika uMyalelo wokuba umntwana umenze owakho ngokwasemthethweni
Uncedo lwemali oluhlawulwayo ngumahluko phakathi kwemali ehlawulwa ngumqeshi nomlinganiselo omiselweyo kwishedyuli yoncedo ekuMthetho we-Inshorensi yokungaphangeli. Xa uthatha isixa-mali esihlawulwa umqeshi nesixa-mali esimiselwe kwishedyuli yoncedo, isixa-mali sisonke akufunekanga sidlule kwi-100% somvuzo umntu obeza kuwufumana xa ebesaqeshiwe
Ngokuxhomekeka kumanqaku ayinzuzo, uncedo lwemali lungahlawulwa kuye kuma kwiintsuku ezingama-238 nangeliphi ixesha leminyaka emine
Umlingane ophilayo kufuneka enze isicelo kwithuba leenyanga ezintandathu. Umntwana obesondliwa angenza isicelo soncedo ukuba umlingane ophilayo akasenzanga isicelo kwithuba leenyanga ezintandathu akuba ebhubhile umrhumi
Uncedo luhlawulwa umlingane ophilayo womrhumi obhubhileyo, xa kwenziwe isicelo
Isicelo masenziwe kwifomu emiselweyo kwiziko lezemisebenzi elikufuphi kuwe
Nawuphi na umntwana osaxhomekekileyo/ osondliwayo ongaphantsi kwama-25 unelungelo loncedo ukuba akakho umlinagne ophilayo
Ngokuxhomekeka kumanqaku ayinzuzo uncedo lwemali lungahlawulwa kuye kuma kwiintsuku ezingama-238 nangeliphi ixesha leminyaka emine
Uncedo oluhlawulwayo lulingana noncedo lokungaphangeli obe luya kuhlawulwa umrhumi ukuba ebesaphila.
Kunini apho umrhumi engenalungelo lokufumana uncedo?
Ukuba umrhumi ufumana iPenshini yeNtlalo ephuma kuRhulumente (asibalwa isibonelelo sokukhubazeka okanye sesondlo). Ipenshini yenyanga ephuma kuRhulumente ibhekisa kwisibonelelo esinikwa abantu abadala ngurhulumente ngokwemigqaliselo yoMthetho woNcedo lweNtlalo njengoko ulungisiwe
Ukuba umrhumi ufumana imali ephuma kwiNgxowa-mali yesiBonelelo ngenxa yokugula okanye ukwenzakala okumenze umrhumi ukuba angaphangeli okwexeshana okanye ngokusigxina
Ukuba umrhumi ufumana uncedo oluphuma kuyo nayiphi ingxowa-mali yokungaphangeli okanye isikimu esisekwe ngokwemigqaliselo yoMthetho woBudlelwane kwezemiSebenzi
Ukuba umrhumi uyoyisakala ukuthobela amagatya oMthetho we-Inshorensi yokungaphangeli
Ukuba umrhumi umisiwe ukuba angafumani ncedo ngenxa yokuba ebesebenza kwaye eqokelela noncedo okanye wenze ubuqhophololo ngokunxulumene ne-UIF
Ukuba umrhumi uyekile emsebenzini
Ingxowa-mali ye-Inshorensi yokungaphangeli iseke iiKomiti zokuBhena zommandla ukuba zijongane neengxwaba-ngxwaba kuwo onke amaphondo. Indlalifa ekhathazekileyo ingafaka isibheno ngokuzalisa ifomu emiselweyo (UI 12), iyingenise ngesandla okanye ngeposi ichase isigqibo sikaKhomishina okanye segosa lobango ngokwemigqaliselo yecandelo 37 kwiKomiti yokuBhena yommandla kumaziko ezemisebenzi eSebe lezemiSebenzi.
Yintoni uxanduva lomqeshi emva kokuphelelwa ngumsebenzi komsebenzi?
Ifomu UI-19 okanye UI-19D kufuneka izaliswe ize ibuyiselwe kwiNgxowa-mali okanye nakweyiphi i-ofisi yeSebe lezemiSebenzi
Ulwazi olungomsebenzi okanye lwabasebenzi abo luya kuhlaziywa ukuze kubonakale ukuba imeko ithini na ngoku
Ukoyisakala ukungenisa i-UI-19 okanye UI-19D kungalibazisa ukusetyenzwa kwebango lokungaphangeli okanye ibango lolunye uncedo
Cebisa abo bebekade bengabasebenzi ukuba baye kwi-ofisi yeSebe lezemiSebenzi
Umqeshi uzicima njani na kwiNgxowa-mali?
Abaqeshi bangaqhagamshelana neNgxowa-mali okanye nayo nayiphi i-ofisi yeSebe lezemiSebenzi bacele ukuba ubhaliso lucinywe. Inombolo yokwalathisa ye-UIF nomhla okwayekwa ngawo ukuhlawulwa kufuneka zixelwe. Ifomu UI-19 ehlaziyiweyo kufuneka ingeniswe kwiNgxowa-mali xa kuvalwa ishishini.
Umqeshi ulibhalisa njani na ishishini elitsha neNgxowa-mali?
Iifomu ezizalisiweyo kufuneka zidluliselwe kwi-UIF ukuze zibhaliswe kodwa zisenokungeniswa nakwiofisi yengingqi yeSebe lezemiSebenzi ukuze zigqityezelwe okanye
Abaqeshi bangasebenzisa noncedo lwefeksi eyodwa ngokudayala
Kungabhaliswa nangefowuni apha 337 1680
Iifomu ezizalisiweyo zingaposelwa kwi- UIF, Pretoria, 0052. Nceda khumbula ukuba ukuposa kuhlawulelwa nguwe kwinto yonke oyithumela kwiNgxowa-mali.
Iya kuthatha ixesha elingakanani le nkqubo yobhaliso?
Lonke ubhaliso luya kuququnjelwa kwithuba leeyure ezingama-48 zakuba zifunyenwe iifomu zesicelo.
Umqeshi uya kuyazi njani into yokuba umsebenzi wakhe ubhalisiwe na kwiNgxowa-mali?
Ukuba ifomu UI-19 ezalisiweyo ingenisiwe ngokumalunga nabasebenzi bomqeshi lowo, umqeshi uya kuthunyelelwa iphepha eliqinisekisa ubhaliso.
Ingaba abasebenzi banikwa inombolo yokwalathisa eyahlukileyo?
Inombolo yokwalathisa inikwa umqeshi ukuze bonke abasebenzi abasebenzela lo mqeshi "bafakwe" kule nombolo yokwalathisa yomqeshi. Xa kukho imibuzo, kubalulekile ukuba kubizwe inombolo yokwalathisa yomqeshi nenombolo yeSazisi somsebenzi.
Ukuba sekubhaliswe ishishini neNgxowa-mali ingasetyenziswa na le nombolo yokwalathisa ukubhalisa umsebenzi wasekhaya?
Hayi. Umsebenzi wasekhaya kufuneka abhaliswe yedwa.
La manqaku alandelayo kufuneka athathelwe ingqalelo:
UMthetho wemiRhumo ye-Inshorensi yokungaphangeli, 2002 ( UMthetho No.4 wama-2002) uchaza "umsebenzi wasekhaya" njengomsebenzi owenza umsebenzi wasekhaya ekhayeni lomqeshi wakhe kwaye kuqukwa unogadi, umsebenzi oqeshwe njengomqhubi wesithuthi apha ekhaya nomntu ogcina nawuphi na umntu kwelo khaya kodwa akabalwa umsebenzi wasefama
Ngokwemigqaliselo yalo Mthetho osele uxeliwe, abasebenzi basekhaya nabaqeshi babo banoxanduva lokurhuma kwiNgxowa-mali ukususela ngomhla woku-1 ku-Epreli 2003. Ubhaliso alunakubuyiselwa kumhla ongasemva
Ikhaya eliqeshe ngaphezulu komsebenzi omnye, into efunekayo kukuba umqeshi abhalise kube kanye
Ukuba umsebenzi wasekhaya usebenzela abaqeshi abaninzi, kufuneka umqeshi ngamnye ambhalise ngokwakhe umsebenzi lowo kwaye aqiniseke ukuba ubhalisiwe. Oku kungasentla kubhekisa nakumagosa okanye abagcini-zincwadi abalawula imicimbi yabaqeshi basekhaya abaninzi
Apho umqeshi angumqeshi wezorhwebo aphinde abe ngumqeshi wasekhaya, kufuneka abhalise ngokwahlukeneyo. Ubhaliso neentlawulo zemirhumo zabasebenzi basekhaya akufunekanga zidityaniswe kwezorhwebo
Abantu abaqeshwe kumashishini aqhutyelwa emakhaya abathathwa njengabasebenzi basekahya
Abantu abaqeshwe ngamaqumrhu njengoonogadi okanye abacoci kwiqela lemizi abathathwa njengabantu abaqeshwe kumakhaya abantu
Iinkampani , amashishini ii-CC, iindibaniselwano namanye amaqumrhu emifelandawonye ayingabo abaqeshi basekhaya
Ithathwa njengobuqhophololo into yokuba xa abantu abazuza uncedo bebuyela emsebenzini baze bangayazisi iNgxowa-mali ukuba bayasebenza kwakhona, baqhube befumana uncedo.
Amaxwebhu axhasayo ekufuneka ekho xa abasebenzi becela uncedo lwe-UIF
Uncedo lwesiqhelo
Uncedo lokuya kubeleka
Uncedo lokugula
Uncedo lokwenza umntwana abe ngowakho
Uncedo lwabondliwayo
Iinkcukacha zokubhankisha
Iinkcukacha zokubhankisha
Iinkcukacha zokubhankisha
Ifomu UI-2.7 ezalisiweyo (ukuba yiyo enokusetyenziswa )
ukuba yiyo enokusetyenziswa 
Ubungqina bokubhalisa njengomntu ofuna umsebenzi
Isatifiketi sonyango sikagqirha
Isatifiketi somtshato
Isatifiketi esixela umhla wokuzala olindelekileyo okanye emva kokuzala , isatifiketi sokuzala
Ingxelo kagqirha yonyango echazayo ( ukuba yiyo efanelekileyo)
Isatifiketi sokubhubha salowo ongasekhoyo (ukuba siso esinokusetyenziswa) ( Isicelo asisayi kuqwalaselwa ngesatifiketi sokubhubha esivela kwilizwe langaphandle. Kuya kwamkelwa kuphela umyalelo waseMzantsi Afrika wokungcwaba okhutshwe liSebe lemiCimbi yeKhaya)
Ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi sokuzalwa komntwana omenze owakho
Ileta yelobola (ukuba yiyo enokusetyenziswa)
Ikopi eqinisekisiweyo yomyalelo wokwenza umntwana owakho
Isatifiketi sokuzalwa Isatifiketi sobhabhatizo salowo uxhomekekileyo (ukuba siso esinokusetyenziswa)
Ubungqina bokuba umntu usesikolweni ( loo nto iya kusebenza kubo bonke abo bondliwayo baphakathi kwama-21 nama-25)
Ubungqina obufungelweyo (undofa naye)
Ukuxelela igosa lobango ukuba uqalisile emsebenzini ngexesha ufumana uncedo lwe-UIF
Ukuba kuchasene nomthetho ukuba usebenze uphinde ufumane uncedo ngexeshanye
Ukuya kuzazisa ngamaxesha nemihla ebekiweyo ligosa lobango ukuba ucetyiswe ukuba wenze njalo
Unganiki ingxelo yobuxoki
Ungalindi kude kube ngumzuzu wokugqibela ukwenza isicelo soncedo
Ungalindeli ukufumana naluphi na uncedo lwe-UIF wakuyeka ngokwakho emsebenzini
Ungangenisi izicelo zobuqhophololo ngenjongo yokufumana uncedo
Ungali ngaphandle kwesizathu ukuba ufumane uqeqesho lomsebenzi okanye ingcebiso ngobuchule bomsebenzi
Ungachaseli futhi ungayinanzi imiyalelo yegosa lobango
Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Qaphela: Bonke abaqeshi ekungekho mfuneko yokuba babhalise noSARS ngenxa yerhafu -PAYE okanye ngeenjongo zeSDL mabathumele imirhumo yabo ngqo kwi-Inshorensi yokungaphangeli.
Inombolo ye-Akhawunti yeBhanki, ikhowudi yesebe, uluhlu
FNB 62052400547 25-31-45 (abaqeshi babasebenzi basekhaya kuphela)
QAPHELA: Qinisekisa ngalo lonke ixesha ukuba inombolo yokwalathisa yeUIF uyibhalile kwiphetshana lokufaka imali xa ufaka imali ebhankini.
Iidilesi zoqhagamshelwano
Idilesi yendawo ekuyo:
Idilesi yeposi:
Iiofisi zamaPhondo namaziko ezemisebenzi
Iofisi yePhondo eMpuma Koloni
Amaziko ezemisebenzi
Amaziko ezemisebenzi
Amaziko ezemisebenzi
Amaziko ezemisebenzi
Amaziko ezemisebenzi
Amaziko ezemisebenzi
Iofisi yePhondo eMpumalanga
Amaziko ezemisebenzi
Iofisi yePhondo eMntla Koloni
Amaziko ezemisebenzi
Iofisi yePhondo eMntla Ntshona
Amaziko ezemisebenzi
Iofisi yePhondo eNtshona Koloni
Amaziko ezemisebenzi
